#XHOSA

แชร์
ฝัง
  • เผยแพร่เมื่อ 11 ก.พ. 2025
  • mbimb.org/lang... #mbimb #childprotection
    Ukuba Ayivakali ilungile- Ungayenzi
    Iinjongo zalengoma:
    1) Ukufundisa abantwana ukuba bamamele izimvo zabo.
    Ixesha elininzi abantwana bayazi xa izinto zibenza bangaziva kakuhle okanye xa izinto zibenza bazive bengakhululekanga ngoko ke bafundise lo mthetho -
    “Ukuba ayivakali ilungile - ungayenzi!”
    2) Ukuthetha ngengcinezelo yoontanga
    Xelela abantwana ngeentlobo zeemeko ezibandakanya ucinezelo ngoontanga bakhe abakwangabahlobo babo oluye lwenzeke esikolweni okanye ekhayeni - bezama ukubathundeza ekwenzeni izinto abazaziyo ukuba azilunganga kwaye uphinde ubandakanye ukusetyenziswa kweziyobisi kulencoko.
    “Ukuba ayivakali ilungile - ungayenzi!”
    3)Ukunceda abantwana ngokubaxhobisa ngemiba ephathelene nemizimba yab
    Abantwana kufuneka bayazi ukuba imizimba yabo yeyabo kwaye ukuba izinto zibenza bangazivi bekhululekile, banalo ilungelo lokuthi ‘Hayi andifuni ukuyenza lonto’ -
    “Ukuba ayivakali ilungile - ungayenzi!”
    Lengoma izakuvula ithuba lokuba esisihloko semizwa sinconkolwe, nantsi imizekelo yemizwa:Ukonwaba, Unxunguphalo, Ukuziva uwedwa, Ukucaphuka, Ukoyika
    Kwakhona, ungadlala umdlalo obonisa ubuso obonwabileyo, ubuso obunxungupheleyo, ubuso obunomsindo, iimbuso ezihlekisayo okanye ungathi mabazobe ubuso obubonisayo ukuba bona baziva kanjani emizweni yabo. Uninzi lwabantwana bavakalisa izimvo zabo ngokukhululekileyo xa bezoba kunokuthetha ngomlomo.
    Itekisi ka Cynthie
    Sizakuyonwabela kakhulu le ingoma ilandelayo,Inomyalelo omkhulu ekumele siwukhumbule. Lomyalelo uthi - Ukuba ayivakali ilungile - Ungayenzi! Wazi ke ukuba andithethi ngezinto ezifana nokwenza umsebenzi wakho wasekhaya owunikwe esikolweni, okanye ukucoca igumbi lakho loku lala. Ndithetha ngeemeko apho umntu aye azame ukuhamba nawe akuse endaweni naye kwaye nawe ube usazi ukuba asiyonto elungileyo leyo. Ukuba ayivakali ilungile, ungayenzi! Okanye ukuba umntu uzama ukwenzisa into ekwenza ungaziva ukhululekile. Ukuba ayivakali ilungile - Ungayenzi!
    Ukuba Ayivakali ilungile- Ungayenzi (Amazwi engoma)
    Abantu bangakuphathaphatha bathi kulungile
    Kodwa ukhumbule umzimba wakho ngowakho
    Nguwe owaziyo okungavakali kulungile
    Ukuba akuvakali kulungile, Ungakwenzi!
    Ungakwenzi, Ungakwenzi
    Kukh’ abantu phandl’ apha abath’ utholotholo
    Bazame ukukunika iziyobisi
    Bakwenze ungahambi isikolo
    Bathi gcina imfihlelo
    Kodwa uyazi omawukwenze
    Ukuba ayivakali ilungile ungayenzi!
    Ungakwenzi, Ungakwenzi!
    Abantu bangakuxelele bayakhathala
    Anditsho ukuba akukuhlanga ukwabelana
    Kodwa uyayazi ngaphakathi kuwe ukuba akuvakali kulungile
    Kwaye ukuba akuvakali kulungile Ungakwenzi Yevah!!
    Ungakwenzi, Ungakwenzi
    Hayi ukuba akuvakali kulungile, ungakwenzi, Yevah!!
    Ungakwenzi, Ungakwenzi!
    www.mybodyismy...

ความคิดเห็น •