#Xhosa
ฝัง
- เผยแพร่เมื่อ 6 ก.พ. 2025
- Le nkqubo kunye nezingoma zibhalwe kwaye zanikwa ubomi ngu
Chrissy Sykes © 2017
mbimb.org/lang... #mbimb #childprotection
Sponsor Stichting GetOn - Translations by : LOYISO GURA
Voice Over and Songs by @ZoyaSpeaks
Lengcamango ivela kumbutho wezizwe lwehlabathi liphela nephathelele ekunqandweni kwempatho-mbi kunye nokungakhathalelwa kwabantwana (ISPCAN). Uphando nzulu ngalomba lonyaka u-2012 lubonakalisa ukuba kwihlabathi jikelele ngabantwana abangamashumi amabini anesihlanu ekhulwini (25%) ukuya kumashumi amahlanu ekhulwini (50%) abaphathwa kakubi emzimbeni , yaye akuphelelanga apho, kukwakho malunga namashumi amabini ekhulwini (20%) lwamantombazana kunye nesihlanu ekhulwini (5%) ukuya kwishumi ekhulwini (10%) amakhwenkwana akaxhatshazwa kakubi ngesondo. Zininzi ke neziphumo, hayi kuphela nje kwabobantu bachaphazelekayo, koko noluntu luphela, nto-leyo ekungafunekanga ijongelwe phantsi.
Le nkqubo “Umzimba wam ngumzimba wam” yinkqubo enoculo ongaxhalabisiyo kwaye nendlela entle mayela nesi sihloko sinzima nesihlasimlisayo. Ukuzama ukunceda abantwana abancinane ngendlela echanekileyo ingangumsebenzi onzima kunene kuninzi labazali, abafundi- ntsapho okanye ootishala kunye nabagcini-ntsapho. Uyakufumanisa ukuba umculo oyolisayo kulenkqubo unceda ukubeni uhlangabezane kakuhle nalula nabantwana.
Kwakwalapha kulenkqubo uyakufumanisa ukuba kukho iingcamango kunye namacebo kwiculo nesihloko ngasinye. Okona kubalulekileyo kule nkqubo yinto yokuba bayakuwakhumbula amaculo nemiyalezo ephathelelene nale miba, kwaye oku kuyakudala uthungelwano ngezimvo nabantwana. Xa bekwazi ukuthetha ngezimvo zabo kwaneengxaki zabo, oko iyakuba yinto enkulu ekulweni ukuxhatshazwa kwabantwana.
Kuphando olubandakanya abantwana nolwalupapashwe kwiphepha-ndaba i- Journal of Music Therapy, lwabonakalisa ukuba umculo nokufunda amaculo amatsha kudala ukuziqonda ngokwakho nokuphuhlisa ukuzixabisa yaye kunceda nabantwana bazibone okanye bazive bengcono.
“The Power of Music- University of London”
#Xhosa #Umzimba Wam #abantwana