ขนาดวิดีโอ: 1280 X 720853 X 480640 X 360
แสดงแผงควบคุมโปรแกรมเล่น
เล่นอัตโนมัติ
เล่นใหม่
Mandicamagushe kubhexeshi, weliqonga lAmasiko Nezithethe. Ndiyziithanda iincoko nemfundiso ezivelayo apha, ndithanda kananjalo ukukhuthaza nokuxhasa ukukhula kweliqonga ndawonye nabenzi balo.
Siyabulela Mpumelelo
🫂 ❤
Ndicela ukuphosa nje amzwi, ukusabela kwesisqendu se Zibazana. Ndinambithe, ndanambitha, ndade ndatsakrwa kwindawo ezithile ebezithethwa nguMamgcina. Andingumntu owaziyo ncam ngamasiko nezithethe zakwaXhosa, kodwa noko andixolanga yincazelo kaMamGcina kulenawo yezibazana. Ndicinga ukuba xa izinto zingenziwa ngohlobo ebezisenziwa ngalo, zingesenayo intsingiselo ezazifudula zinayo, ngenxa yoko, asikwazi ukuzibiza ukuthi zizo, zibe zingenziwa ngohlobo lwazo. Umzekelo ukuba isinxibo sezibazana ibiyimpahla enxitywa ngumfazi, nongunozala wekrwala, iqhiya, imibhinqo, intsimbi njalo njalo. Azikwazi kaloku kengoku ezizinto ukuxiywa, yintombi, kuba zizinto ezinxitywa ngumfazi mhla esenda. Xa intombi izonxiba umbinqo...wawunxityiswe ngubani? Emanini?....mandehle
Uze nzulu Mpumelelo kwaye ndiyayithanda imibuzo yakho. Kodwa ke masibuye sikhumbule ukuba uMamGcina uthetha kulemeko sesiphila kuyo ngalamaxesha, ngoba ntlandlolo intombi yayitshata kuqala ukuze ibe nomntana. Ilobola nayo yayikhutshelwa intombi not inkazana. Ndicinga ngaske uyicinge ngolohlobo kuqala phambi koba ubuze lemibuzo. Mandehle
@@untoldstoriesRSA ndiyavuma mhlob'am, amaxesha ngamanye, izinto zitshintshile...oluyiko lwam kukulahleka kakumbi kwamasiko nezithethe zezizwe samaXhosa. Xa uthelekisa nezinye izizwe (umzekelo isizwe samaZulu) amasiko nezithethe okwenziwa kwawo nokunyaniseka ekwenzweni kwalamasiko, uyaphawula ukuba siyasilela thina maXhosa ekwenzweni njalo sisithi "kukutshintsha kwamaxesha", kube kulahleka kwamasiko nezithethe zethu. Ndicinga ukuba kungakuhle ukuba ke, noba sithi ngenxa yexesha siyazijika izinto, kodwa ke sicacelwe ukuba nantsi eyona ndlela esasifudula sisenza ngayo, isiseko, nemfuziselo yezizinto igqengqe kulendawo ukwenzela nesizukulwane esikhoyo nesi sezayo, isiko nezithethe lingalahleki litshitshe. Camagu
Uyavakala Mpumelelo. Intombi ayibhinqi