269 UMsindisi Ongumangaliso - uKristu Engomeni (Xhosa SDA Hymnal)

แชร์
ฝัง
  • เผยแพร่เมื่อ 29 พ.ย. 2024
  • NdinoMsindisi, uYesu iNkosi, Yena unguMangaliso;
    Ufihl’ umphefumlo wam kwelo Liwa, Apho ndonwaba kakhulu.
    CHORUS
    Undigcina ndiphantsi kwelo Liwa, Lisith’ izwe lembalela;
    Ufihl’ ubomi bam Ngothando lwaKhe, Ndigcinwe sisandla saKhe.
    Ndigcinwe sisandla saKhe.
    NdinoMsindisi, uYesu iNkosi, Ususa imithwalo yam;
    Undibamba ndingashukunyiswa nto, Ndomelezwa yonk’ imihla.
    Lonk’ ixesha undiph’ intsikelelo, Ndizaliswe ngobungcwele;
    Ngovuyo ndihlabel’ ingom’ emnandi, Udumo ngoMkhululi wam!
    Xa ndambathiswe ngokukhanya kwaKhe, Ndimhlangabeza efini,
    Ndovum’ ingoma ngosindiso lwaKhe, Nangothando olukhulu.

ความคิดเห็น • 4